Acts 14:15 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
besiti nokuti: Madoda! yinina ukuba nenze ezizinto? nati singabantu abamilo ifana neyenu, sishumayela kuni ukuba maniguquke kwezizinto ezingendawo niguqukele kuye utixo ohleliyo, owenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nento zonke ezikuzo:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
besithi, Madoda, yini na ukuba nenjenje? Nathi singabantu abeva enikuvayo nina; sinishumayeza iindaba ezilungileyo zokuba nibuye kwaba thixo bangento, nibuyele kuThixo ophilileyo, owenza izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
besithi, Madoda, yini na ukuba nenze ezi zinto? Nathi singabantu abeva enikuvayo nina; sinishumayeza iindaba ezilungileyo zokuba nibuye kwaba thixo bangento, nibuyele kuThixo ophilileyo, owenza izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo zinto;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Madoda, yintoni le niyenzayo? Nathi singabantu; sifana nani! Size apha ukuze sivakalise iindaba ezimnandi, ukuze niguquke nijike kwezi zinto ziphuthileyo, nize kuThixo, owenza izulu, nomhlaba, nolwandle, nezinto ezilapho kuzo.