Acts 14:20 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa nxa abadisipile babemngqongile, wesuka, wangena esixekweni. Waza ngomnye umhla wapuma no‐Banabasi waya e‐Derebe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe, bakubon ukuba bamngqongile ke abafundi, wavuka waya kungena kuwo umzi. Ngengomso waphuma enoBharnabhas, waya eDerbhe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kodwa, bakubon’ ukuba bamngqongile ke abafundi, wavuka waya kungena kuwo umzi. Ngengomso waphuma enoBharnabhas, waya eDerbhe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa akungqongwa ngamakholwa, wavuka, wabuyela kwasedolophini. Ngengomso wemka kunye noBharnabha, baya eDerbhe.