Acts 14:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwa njalo ke bahlala kona ixesha elikulu, beteta ngokukalipa enkosini, ebinqi̔nela ilizwi lofefe lwayo, yanika ukuba imiqondiso nemimangaliso yenziwe ngezandla zabo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Balibala ke ngoko ixesha elaneleyo, bethetha ngokungafihlisiyo ngeNkosi, eyalingqinelayo ilizwi lobabalo lwayo, inika nokuba kwenzeke imiqondiso nezimanga ngezandla zabo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Balibala ke ngoko ixesha elaneleyo, bethetha ngokungafihlisiyo ngeNkosi, eyalingqinelayo ilizwi lobabalo lwayo, inika nokuba kwenzeke imiqondiso nezimanga ngezandla zabo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*Abathunywa bahlala apho ixesha elide. Bathetha ngesibindi ngeNkosi, iNkosi ibanika amandla okwenza imiqondiso nemimangaliso, ingqina inyaniso yodaba lwabo ngesisa sayo.