Acts 14:5 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni kwesuka imvukelo yabaheyideni nama‐Juda kunye, ndawonye nabagwebi babo, ukubapata kakubi nokubagibisela ngamatye,
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathe ke, bakubon ukuba abeentlanga nabangamaYuda, kunye nabaphathi bawo, bangxamele ukubaphatha kakubi, babagibisele ngamatye:
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuthe ke, kuthe kwabakho ukuhlasela kwabeentlanga, kwanamaYuda, kunye nabaphathi bawo, ukuba babaphathe kakubi, babagibisele ngamatye:
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Zaza iintlanga namaJuda ndawonye neenkokheli zazimisela ukubaphatha kakubi abathunywa, zibaxulube ngamatye.