Acts 15:16 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Emveni kwoku ndiya kubuya, ndandiya kubuya ndilake ipempe lika‐Davide eliwileyo; nengci̔takalo zalo ndobuya ndizake, ndilimise kanjako:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Emveni koku ndiya kubuya, Ndize ndibuye ndiwakhe umnquba owileyo kaDavide, Amanxuwa awo ndibuye ndiwakhe kanjalo, Ndibuye ndiwumise;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Emva koko ndiya kubuya ndize ndibuye ndiwakhe umnquba owileyo kaDavide, ndiya kubuya ndiwakhe amanxuwa ayo, ndiyimise;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“ ‘Emva koku ndiya kubuya,’ itsho iNkosi, ‘ndiwuvuse umzi kaDavide ongamanxiwa, ndiwulungise apho wonakele khona, ume kakuhle.