Acts 15:2 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako xeshekweni u‐Paulusi no‐Banabasi babenongxolisano nopikisano olungencinane nabo, bamisela ukuba u‐Paulusi no‐Banabasi, nabanye abatile bakubo, banyukele e‐Yerusaleme kubo abapostile nabadala pezu kwalombuzo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuthe ngoko, kwakubon ukuba uPawulos noBharnabhas baba nempikiswano nembuzwano engencinane nabo, kwagqitywa kwelokuba uPawulos noBharnabhas, nabanye abathile kubo, mabenyuke baye kubapostile namadoda amakhulu eYerusalem, ngawo lo mbuzo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuthe ngoko, kwakubon’ ukuba uPawulos noBharnabhas baba nempikiswano nembuzwano engencinane nabo, kwagqitywa kwelokuba uPawulos noBharnabhas, nabanye abathile kubo, mabenyuke baye kubapostile namadoda amakhulu eYerusalem, ngawo lo mbuzo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UPawulos noBharnabha baba nengxoxo eshushu nabo ngalo mbandela, kwaza kwagqitywa ukuba uPawulos noBharnabha kunye nabanye baseAntiyokwe baye eJerusalem, bayokuva le ngxaki *kubathunywa nakubadala.