Acts 15:22 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwandula kwanga kulungile kubapostile, nakubadala, kunye nayo yonke iṙemente, ukunyula amadoda kwababo, bawatume e‐Antiyoki kunye no‐Paulusi no‐Banabasi; kwa u‐Jude, obebizwa ngelinye igama elingu‐Barasaba, no‐Silasi, amadoda amakulu pakati kwabazalwana;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwaza kwabonakala kulungile kubapostile nakumadoda amakhulu, ndawonye nalo ibandla liphela, ukuba banyule amadoda kwakubo, bawathume kwa-Antiyokwe ndawonye noPawulos noBharnabhas; angooYuda ogama limbi linguBharsabhas, noSilas, amadoda angabakhokeli kubazalwana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwalunga ke abapostile namadoda amakhulu, kunye nebandla liphela, ukuba banyule amadoda phakathi kwabo, ukuba baye kwa-Antiyokwe kunye noPawulos noBharnabhas; noYuda ogama limbi linguBharsabhas, noSilas, amadoda aziintloko phakathi kwabazalwana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
*Abathunywa nabadala, kunye nebandla lonke, bafika kwisigqibo sokuba kukhethwe amadoda phakathi kwabo, athunywe eAntiyokwe kunye noPawulos noBharnabha. Banyulwa ke ooJudas ogama limbi linguBharsabha kunye noSilas, ingamadoda awayebekwe kakhulu ngamakholwa.