Acts 15:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bandula bona, bepelekelelwe yiṙemente, bacanda i‐Fenisi ne‐Samariya, beshumayela ukuguquka kwabaheyideni: baye besenzela bonke abazalwana uvuyo olukulu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathi ke ngoko, bephelekelelwe libandla, balityhutyha elaseFenike nelaseSamariya, bexela ukuguquka kwazo iintlanga;babanga uvuyo olukhulu kubo bonke abazalwana.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathi ke, bephelekelelwe libandla, balityhutyha elaseFenike nelaseSamariya, bexela ukuguquka kwazo iintlanga; babanga uvuyo olukhulu kubo bonke abazalwana.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku lakuba libandulule ibandla, bacanda kwelaseFenike nelaseSamariya, behamba bebalisa ngokuguquka kweentlanga; iindaba ke ezo ezawavuyisa kakhulu amakholwa.