Acts 15:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
KEKALOKU emveni kwemihla etile wati u‐Paulusi ku‐Banabasi: Makesibuye siye sityelele kubazalwana betu kuzo zonke izixeko, apo silishumayele kona ilizwi lenkosi, sibone ukuba banjanina.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, emva kwemihla ethile, wathi uPawulos kuBharnabhas, Makhe sibuye siye kuvelela abazalwana bethu, kuyo yonke imizi ngemizi esalazisayo kuyo ilizwi leNkosi, sibone ukuba banjani na.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku emva kwemihla ethile, wathi uPawulos kuBharnabhas, Makhe sibuye siye kuvelela abazalwana bethu kuyo yonke imizi esalazisa kuyo ilizwi leNkosi, sibone ukuba banjani na.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ekuhambeni kwexesha wathi uPawulos kuBharnabha: “Makhe sityelele amakholwa kuzo zonke iidolophu apho sasikhe salishumayela khona ilizwi leNkosi, siqonde ukuba aphila njani na.”