Acts 15:7 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku lwakubako upikisano olukulu, wesuka u‐Petrosi, wati kubo: Madoda, bazalwana! niyazi kakulu nina ukuba kuse kukade wa ndi nyulayo utixo pakati kwetu, ukuba abaheyideni beve ngomlomo wam ilizwi levangeli, bakolwe.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, kwakubon ukuba kubekho imbuzwano enkulu, wesuka uPetros wathi kubo, Madoda, bazalwana, niyazi kakuhle nina, ukuba uThixo kwangemihla yakudala wanyula phakathi kwethu, ukuba iintlanga zilive ngawo umlomo wam ilizwi leendaba ezilungileyo, zikholwe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, kwakubon’ ukuba kubekho imbuzwano enkulu, wesuka uPetros wathi kubo, Madoda, bazalwana, niyazi nina, ukuba uThixo kwangemihla yakudala wanyula phakathi kwethu, ukuba iintlanga zilive ngomlomo wam ilizwi leendaba ezilungileyo ezi, zihambe ngomlomo wam, kholwani.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva kwengxoxo ende, waphakama uPetros, wathi: “Mawethu, niyazi ukuba kwixesha elidlulileyo uThixo wandonyula phakathi kwenu ukuba iintlanga zizive ngam iindaba ezimnandi, zize ziguquke.