Acts 16:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni ke abebonile umboniso lowo, sati kwa oko safuna ukumka siye e‐Masedoniya, siqonda ngawo ukuba inkosi isibizele ukushumayela ivangeli kubo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, akuwubona umbono lowo, safuna thina kwaoko ukuphuma siye kwelaseMakedoni, sigqibe kwelithi, iNkosi isibizele ukuba sibashumayeze iindaba ezilungileyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, akuwubona umbono lowo, saza ke sazabalazela ukuba siye kwelaseMakedoni, sigqibe kwelokuba iNkosi isibizele ukuba sibashumayeze iindaba ezilungileyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokukhawuleza emva kwalo mbono kaPawulos, salungiselela ukuya eMakedoni, kuba saqonda ukuba uThixo usibizela ukuba siye kuzishumayela iindaba ezimnandi kubantu balapho.