Acts 16:18 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Oku ke sasikwenza imihla yamininzi. Kodwa u‐Paulusi, ebindekile nje, wajika wati kumoya lowo: Ndiyakuyalela egameni lika‐Yesu Kristu ukuba upume kuso. Waza wapuma kwa ngeloxeshana.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oko ke sakwenza sona imihla emininzi. Ebindekile ke uPawulos, wathi guququ, wathi kuwo umoya, Ndiyakuthethela egameni likaYesu Kristu ukuba uphume kuso. Waphuma ke kwangelo lixa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Oko sakwenza sona imihla emininzi. Ebindekile ke uPawulos, wathi guququ, wathi kuwo umoya, Ndiyakuthethela egameni likaYesu Kristu ukuba uphume kuso. Waphuma kwangelo lixa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Yaqhuba iintsuku ezininzi iyenza le nto, yada yamthukuthezela uPawulos, wajika wathi kuloo moya: “Ngengunya legama likaYesu Krestu ndithi: ‘Phuma kule ntombi.’ ” Aphuma kwangoko amafufunyana.