Acts 16:3 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yena lo u‐Paulusi watanda ukuba apume aye naye; waza wamtabata wamalusa, ngenxa yama‐Juda abekuzo ezondawo; ngokuba onke ebemazi uyise ukuba ungum‐Girike.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Lowo uPawulos wathanda ukuba aphume naye; wamthabatha wamalusa, ngenxa yamaYuda abekwezo ndawo; kuba bonke babemazi uyise ukuba ungumGrike.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Lowo uPawulos wathanda ukuba aphume naye; wamthabatha wamalusa, ngenxa yamaYuda abekwezo ndawo; kuba bonke babemazi uyise ukuba ungumGrike.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UPawulos wafuna ukuhamba noTimoti, ngoko ke wamolùsa kuqala, kuba onke amaJuda aloo mmandla ayesazi ukuba uyise wayengolukanga.