Acts 16:36 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza umlindi wentolongo wamtyela u‐Paulusi lamazwi, wati: Amagosa atumile ukuti manikululwe; ngako kaloku pumani, nihambe ngoxolo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uwaxelile ke umgcini wababanjwa la mazwi kuPawulos, wathi, Abathetheli bathumele ukuba nikhululwe; ke ngoko phumani, nihambe ngoxolo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uwaxelile ke umgcini wababanjwa la mazwi kuPawulos, wathi, Abathetheli bathumele ukuba nikhululwe; ke ngoko phumani, nihambe ngoxolo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ujela ke wamxelela uPawulos ukuba iziphathamandla zithumele umyalelo wokuba yena noSilas bangákhululwa. Ngoko ke bakhululekile bangáhamba ngoxolo.