Acts 16:37 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Paulusi wati kuyo: Asityabula ekuhleni singagwetywanga, singabantu abangama‐Roma, asiposela entolongweni: kekaloku ngoku ayasiku̔pa ngasese na? hai kambe; makeze wona ngokwawo asikapele ngapandle.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke uPawulos kuwo, Basityabule ekuhleni singagwetywanga, sibantu bangamaRoma; basiphosa entolongweni;ngoku basikhupha ngasese na? Nakanye; mabeze bona ngokwabo, basikhuphe.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke uPawulos kuwo, Basityabule ekuhleni singagwetywanga, sibantu bangamaRoma; basiphosa entolongweni; ngoku basikhupha ngasese na? hayi inene; mabeze bona ngokwabo, basikhuphe.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa waphendula uPawulos wathi kumagosa lawo: “Hayi kaloku, sikatswe esidlangalaleni, nakuba singakhange sibekwe tyala, ibe futhi singabemi abangamaRoma! Ngaphezu koko sivalelwe entolongweni. Bangathini ke ngoku ukusikhulula bucala? Hayi bo! Ayinakwenzeka loo nto! Abasemagunyeni mabeze kusikhulula ngokwabo.”