Acts 17:10 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati abazalwana kwa oko batuma u‐Paulusi no‐Silasi ebusuku ukuya e‐Bereya; abati bakufika, baya bangena endlwini yentlanganiso yama‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku bathi abazalwana kwaoko bamndulula uPawulos noSilas ngobusuku, ukuba baye eBhereya; abathi bona bakufika, baya endlwini yesikhungu yamaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku bathi abazalwana kwaoko bamndulula uPawulos noSilas ngobusuku, ukuba baye eBhereya; abathi bona bakufika, baya endlwini yesikhungu yamaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuthe nje kusandul' ukuhlwa, amakholwa abathumela eBheriya ooPawulos noSilas. Bafika apho, baya *kwindlu yesikhungo yamaJuda.