Acts 17:12 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngako ke abaninzi bakuwo bakolwa, nenani lamankazana adumileyo angama‐Girikekazi nelamadoda elingelincinane.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwakholwa ke ngoko into eninzi kuwo, nakumaGrikekazi abekekileyo, nakumadoda, ababa mbalwa.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Into eninzi ngoko yakholwa; nakumaGrikekazi abekekileyo, nakumadoda, nokuba mbalwa.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwaguquka abantu abaninzi, amadoda kunye namakhosikazi amaGrike akumgangatho ophezulu entlalweni.