Acts 17:13 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ama‐Juda ase‐Tesalonika, xeshekweni abesazi ukuba ilizwi likatixo lashunyayelwa ngu‐Paulusi nase‐Bereya, eza nakona evuselela izihlwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akuqonda ke awaseTesalonika amaYuda, ukuba ilizwi likaThixo lazisiwe nguPawulos naseBhereya, eza azizamazamisa nalapho izihlwele.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akwazi ke amaYuda aseTesalonika, ukuba ilizwi likaThixo lazisiwe nguPawulos naseBhereya, eza azizamazamisa nalapho iindimbane.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa akuva amaJuda aseTesalonika ukuba uPawulos ulishumayela naseBheriya ilizwi likaThixo, aya apho, afika afaka umoya woqhushululu ebantwini.