Acts 17:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
(Kekaloku bonke abase‐Atenesi, nabasemzini abebeṙanukele kona, bebedlulisa ixesha labo ngokuxela nangokupulapula indaba ezintsha kwapela.)
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku abaseAtene bonke, nabasemzini abangabahambi, babengazilibazisi nganto yimbi, ngaphandle kokuxela nokuva olona daba lutsha.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba onke ama-Atene nabasemzini babechithachitha ixesha labo engenzi nto yimbi, ingekuxeleli nokuva entsha.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kaloku abantu baseAtene nabatyeleli bakhona kwakungekho nto babeyixabise ngaphezu kokuncokola okanye ukuphulaphula iingcamango ezintsha.