Acts 17:23 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba ekudluleni, nasekugqaleni izibedeshelo zenu, ndafumana nesibingelo ebekuba̔liwe pezu kwaso ukuti: Kongaziwayo utixo. Oyena ngoko enimbedeshayo ninga m azi, lo ndiyamshumayela kuni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba ndithe, ndihamba ndisingasinga izinto enizihlonelayo, ndafumana nesibingelelo ekubhalwe kuso, kwathiwa, kongaziwayo uThixo. Lowo ngoko nimhlonelayo ningamazi, ndinazisa yena mna.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba ndithe, ndihamba ndisingasinga izinto enizihlonelayo, ndafumana nesibingelelo ekubhalwe kuso, kwathiwa, kongaziwayo uThixo. Lowo ke ngoko nina nimnqula ningamazi, ndinazisa yena.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuthe xa bendihamba-hamba ndibuka iindawo zenu zonqulo, ndabona neqonga lamadini elibhaliweyo kwathiwa: ‘Kongaziwayo uThixo.’ Ngoko ke lowo nina nimnqula ningamazi, mna ndivakalisa yena kuni.