Acts 17:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ati ke engabafumananga, ar̔ola u‐Yasone nabazalwana abatile pambi kwabagwebi besixeko, ememeza ukuti: Aba, abalipitizileyo ilizwe, bafikile nalapa;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akuba engabafumananga ke, amrholela uYason nabazalwana abathile kubaphathi bomzi, ebhomboloza esithi, Aba baliqungaqungileyo elimiweyo, bona bafikile nalapha;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Akuba engabafumani, amrholela uYason nabazalwana abathile kubaphathi bomzi, edanduluka esithi, Aba baliqungaqungileyo elimiweyo, bafikile nalapha;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa lakungabafumani, larhuqa uJason kunye namanye amakholwa, libasa kubaphathi-dolophu, likhwaza lisithi: “La madoda luqhushululu konke apho ahamba khona; ngoku eze nakule idolophu,