Acts 18:14 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Esaza kuvula umlomo u‐Paulusi, wati u‐Galiyone kuma‐Juda: Ukuba kambe ibiyinto esisenzo esingalungileyo umhlaumbi esesobunginingini obukohlakeleyo, nina ma‐Juda! ngekufanelekile ukuba ndininyamezele;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke xa uPawulos aza kuvula umlomo, wathi uGaliyo kumaYuda, Ukuba ke ngoko ibiyinto yentswela-bulungisa, nokuba ibiyeyobutshijolo obungendawo, maYuda, ngekufanelekile ukuba ndininyamezele;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, xa uPawulos aza kuvula umlomo, wathi uGaliyo kumaYuda, Ukuba ibiyinto yentswela-bulungisa, nokuba ibiyinto yobutshinga, nokuba ibiyeyobutshijolo, maYuda, ngekungene kuni;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi xa aza kuphendula uPawulos, uGaliyo wabhekisa kumaJuda wathi: “Ukuba ngaba lo mbandela ubuyimpazamo ethile, okanye ityala elibi, bendingade ndiyinyamezele le nto, maJuda.