Acts 18:19 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza wafika e‐Efese, wabashiya abo kona. Kodwa yena ngokwake wangena endlwini yentlanganiso, wateta kuma‐Juda.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wehla ke wafika e-Efese, wabashiya bona apho; ke yena wangena endlwini yesikhungu, waxoxa namaYuda.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wehla ke wafika e-Efese, wabashiya apho, wangena endlwini yesikhungo, waxoxa namaYuda.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bakufika e-Efese, uPawulos wabashiya ooPrisila noAkwila, waya endlwini yesikhungo, waxoxa khona namaJuda.