Acts 18:21 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
koko wawabulisayo, wati: Ndifanele kunene ukuba ndiwubambe umtendeleko ozayo e‐Yerusaleme; kodwa ndobuya ndize kuni, evuma utixo. Waza wanduluka e‐Efese.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wawabulisa ke esithi, Nokuba kutheni, ndimelwe kukuwenzela eYerusalem umthendeleko ozayo; kodwa ndobuya ndize kuni, ukuba uThixo uyavuma. Waza wemka ngomkhombe e-Efese.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wababulisa ke esithi, Nokuba kutheni, ndimelwe kukuwenzela eYerusalem umthendeleko ozayo; kodwa ndobuya ndibuyele kuni, ukuba uThixo uyavuma. Waza wemka ngomkhombe e-Efese.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Wasuka wathi xa ahambayo: “Ukuba ngaba kuyintando kaThixo ukuba ndibuye, ndobuya ndibuye.” Waza ke wemka e-Efese.