Acts 18:6 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa eca̔sa wona, egxeka nokugxeka, wavutulula izivato zake, wati kuwo: Igazi lenu malibe pezu kwezenu intloko; ndimsulwa mna; ndoti emveni kwakaloku nje ndiye kubaheyideni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Uthe ke, akuchasa, akunyelisa, wavuthulula iingubo zakhe, wathi kuwo, Igazi lenu malibe phezu kwentloko yenu;ndihlambulukile mna; kuthabathela kweli xesha, ndiya kuya kwiintlanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Uthe ke, akuchasa, akunyelisa, wavuthulula iingubo zakhe, wathi kuwo, Igazi lenu malibe phezu kwentloko yenu; mna ndihlambulukile; kuthabathela kweli xesha, ndiya kuya kuzo iintlanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kuthe akumchasa emngcikiva, wavuthulula iimpahla zakhe, ekhalala, esithi: “Ukuba nithe natshabalala, lityala lenu. Mna andinatyala kuloo nto. Ukususela ngoku ndiya ezintlangeni.”