Acts 19:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwaye kusenziwa oku iminyaka yamibini, bada bonke ababemi e‐Asiya beva ilizwi lenkosi u‐Yesu, kwa nama‐Juda nama‐Girike.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Oku ke kwenzeka iminyaka emibini, ngokokude bonke abemiyo kwelaseAsiya balive ilizwi leNkosi uYesu, amaYuda kwanamaGrike.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Loo nto ke yenzeka iminyaka emibini; ngokokude bonke abemiyo kwelaseAsiya balive ilizwi leNkosi, amaYuda kwanamaGrike.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Le nto ke wayiqhuba isithuba seminyaka emibini, bada bonke abantu ababehlala kwelo phondo laseAsiya, amaJuda kwanamaGrike, baliva ilizwi leNkosi.