Acts 19:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Lento ke yazeka kubo bonke ababemi e‐Efese, nakuma‐Juda, nakuma‐Girike; kwaza kwawa ukwoyika pezu kwabo bonke, laye igama lenkosi u‐Yesu belizukiswa.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwathi ke oko kwazeka kuwo onke amaYuda, kwanakumaGrike amiyo e-Efese; angenwa kukoyika onke, lenziwa likhulu igama leNkosi uYesu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwathi ke oko kwazeka kuwo onke amaYuda, kwanakumaGrike amiyo e-Efese; bawelwa kukoyika bonke, lenziwa likhulu igama leNkosi uYesu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Onke amaJuda neentlanga ezazihlala apho e-Efese zasiva esi siganeko, zaza zoyika kakhulu; laza igama leNkosi uYesu lanikwa imbeko ladunyiswa.