Acts 19:21 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Xeshekweni ke bekugqityelwe ezizinto, wacinga u‐Paulusi emoyeni wake, ukuba woti, akuba ecandile i‐Masedoniya ne‐Akaiya, aye e‐Yerusaleme, esiti: Emveni kwokuba ndiye kona, ndifanele ukubona ne‐Roma.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, zakuzaliseka ezi zinto, wamisa emoyeni wakhe uPawulos ukuba athi, elityhutyhile elaseMakedoni nelaseAkaya, aye eYerusalem, esithi, Emveni kokuba ndithe ndakhona, ndimelwe kukuba ndibone neRoma.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, zakuzaliseka ezi zinto, wamisa emoyeni wakhe uPawulos ukuba athi, elityhutyhile elaseMakedoni nelaseAkaya, aye eYerusalem, esithi, Emveni kokuba ndithe ndakhona, ndimelwe kukuba ndibone neRoma.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Emva koko uPawulos wazimisela ukucanda kwelaseMakedoni nelaseAkaya, aze agqithele eJerusalem. “Ndakuba ndiyile khona, kufuneka ndiyibone neRoma,” wakha watsho.