Acts 19:26 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kanjako niyabona, niyeva nokuva, ukuba akukuyo i‐Efese yodwa, kuza kuba kuyo yonke i‐Asiya, u‐Paulusi lo upambukisile abantu abaninzi ngokucenga kwake, esiti abangotixo abo benzwayo ngezandla:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
kananjalo niyabona, niyeva, ukuba akuse-Efese kodwa, kuphantse ukuba kulo lonke elaseAsiya, athe lo Pawulos waphambukisa isihlwele esaneleyo, ngokusoyisa ngamazwi athi, asingoothixo abo benziwa ngesandla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kananjalo niyabona, niyeva, ukuba akuse-Efese kodwa, kuphantse ukuba kulo lonke elaseAsiya, athe lo Pawulos waphambukisa isihlwele esaneleyo, ngokusoyisa ngokusoyisa, esithi, asingoothixo abo benziwa ngezandla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Niyabona nizivela ngokwenu into eyenziwa yile nkewu uPawulos. Uthi *oothixo abenziwe ngabantu àbangabo konke, yaye uphumelele ekuboyiseni abantu abaninzi jikelele kule Efese, phantse wawugqiba ummandla waseAsiya uphela.