Acts 19:27 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
kuze kungabi kukuba lomsebenzi wetu usemgcipekweni ukuza kwaliwa kodwa, koko kanjalo itempile yotixokazi omkulu u‐Diyana isemgcipekweni ukubalwa ngokuba yinto enganto, buti nobukulu bake buze kuci̔twa, lowo yonke i‐Asiya nelizwe limbedeshayo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Asisiso ke esi sabelo sethu sodwa esisichenge sokudelwa;kwanetempile yothixokazi omkhulu uArtemis iza kubalelwa ekuthini yinto engento, butshabalale ke nobungangamela bakhe, ohlonelwa lelaseAsiya liphela nelimiweyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoko ke asiyiyo lo msebenzi wethu wodwa osisichengeni sokungabi nanto; kwanetempile yothixokazi omkhulu uArtemis ibe yinto engento, butshabalale nobungangamela bakhe, oqubuda kulo lonke elaseAsiya nelimiweyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ilapha ke ingozi, kule ndawo yokuba ushishino olu lwethu lufumane igama elibi. Kanti asikokuphela kwaloo nto, ikwakho nale ndawo yokuba nendlu yesithixokazi uArtemis ayiyi kwazelwa nto, ukanti nesidima sesithixokazi saseAsiya – nditsho esinqulwa lihlabathi liphela – siya kuphanza.”