Acts 19:33 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati inxenye bampumisa u‐Aletsandere esihlweleni, emtya̔lela pambili ama‐Juda. Waza u‐Aletsandere wakoba ngesandla, wafuna ukuzitetelela ebantwini.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bamrhola ke esihlweleni uAlesandire, akubon ukuba amaYuda amtyhalela phambili; uwangawangisile ke uAlesandire ngesandla, wafuna ukuziphendulela eluntwini.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Baza bamrholela uAlesandire esihlweleni, amaYuda emtyhalela phambili. Uwangawangisile ke uAlesandire ngesandla, wafuna ukuziphendulela ebantwini.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Abanye abantu bamchazela ngale nto yenzekayo uAlesandire, kuba amaJuda ayegqatse yena phambili. UAlesandire wawangawangisa ngesandla ukuba kuthi cwaka, efuna ukulamla.