Acts 19:35 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Waza umba̔li wesixeko, akuba esitutuzele isihlwele, wati: Madoda ase‐Efese! nguwupina umntu pofu ongaziyo ukuba isixeko sama‐Efese singumbedeshi wotixokazi omkulu u‐Diyana, now omfanekiso owileyo ezulwini?
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Esizolisile ke umbhali isihlwele, uthe, Madoda ase-Efese, kanene nguwuphi na umntu ongaziyo, ukuba umzi wase-Efese ungumgcini-tempile wothixokazi omkhulu uArtemis, nowomfanekiselo owawa kuZeyus.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Esizolisile ke umbhali isihlwele, wathi, Madoda ase-Efese, nguwuphi na umntu ongaziyo, ukuba umzi wase-Efese ungumkhonzi wothixokazi omkhulu uArtemis, nowomfanekiselo owawa kuZeyus?
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kwathi ngelikade unobhala wedolophu wada wanako ukusithomalalisa isihlwele. Wathi: “MaEfese, wonke ubani uyazi ukuba le dolophu yase-Efese ngumgcini wendlu yesikhulukazi uArtemis, nowomfanekiso oqingqiweyo owavela ezulwini.