Acts 2:14 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Petrosi, emi kunye nabalishumi linamnye, wapakamisa ilizwi lake, wapimisela ukuti kubo: Madoda ase‐Judeya, nani nihlalayo e‐Yerusaleme nonke! makwazeke oku kuni, ninikele amazwi am indlebe:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku uPetros, esuke wema nabalishumi elinamnye, waliphakamisa izwi lakhe, waphimisela ukuthetha, wathi kubo:Madoda, maYuda, nani nonke nimiyo eYerusalem, makwazeke oku kuni, niwabekele iindlebe amazwi am.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku uPetros, esuke wema nabalishumi elinamnye, waliphakamisa izwi lakhe, wathi kubo, Madoda, maYuda, nani nonke nimiyo eYerusalem, makwazeke oku kuni, niwabekele indlebe amazwi am.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Waphakama uPetros, wabhekisa ebantwini, ethetha egameni labafundi abalishumi elinambini, wathi: “Mawethu, maJuda, nani nonke bemi baseJerusalem, phulaphulani nibeke iindlebe, nantsi indawo emaniyiqonde: