Acts 2:17 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwakuya kuti emihleni yokupela, utsho utixo, ndogalela kumoya wam pezu kwoluntu lwonke; babeya kuprofitesha onyana benu nentombi zenu; amadodana enu aya kubona imiboniso, namaxego enu aya kupupa amapupa:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuya kuthi ngayo imihla yokugqibela, utsho uThixo, Ndimthulule uMoya wam phezu kwayo yonke inyama, Baprofete oonyana benu neentombi zenu, Athi amadodana enu abone imibono, Namadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha;
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuya kuthi ngemihla yokugqibela, utsho uThixo, ndithulule uMoya wam phezu kwenyama yonke, baprofete oonyana benu neentombi zenu, amadodana enu abone imibono, namadoda enu amakhulu aphuphe amaphupha;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“ ‘Yiyo le into endiya kuyenza ngemihla yokugqibela;’ utsho uThixo: ‘Ndiya kugalela uMoya wam kulo lonke uluntu, oonyana neentombi zenu zishumayele, abafana babone imibono, amaxhego aphuphe amaphupha.