Acts 2:29 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Madoda, bazalwana! Ndingateta ndinokukalipa kuni ngaye uyise omkulu u‐Davide, okokuba wabuba yena wancw̔atywa kananjalo, nokuba incw̔aba lake liko pakati kwetu kude kwanamhla nje.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Madoda, bazalwana, mandivunyelwe ndithethe kuni ngokuphandle ngomawokhulu uDavide, ukuba wafa wangcwatywa;nengcwaba lakhe likho phakathi kwethu unanamhla.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Madoda, bazalwana, mandivunyelwe ndithethe kuni ngokuphandle ngomawokhulu uDavide, ukuba wafa wangcwatywa; nengcwaba lakhe likho kuthi unanamhla.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Mawethu, mandithethe ngokucacileyo kuni ngokhokho wethu uDavide. Yena wafa, waza wangcwatywa; yaye nengcwaba lakhe lilapha unanamhlanje.