Acts 2:6 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati kwakwenziwa lentlokoma, wabutana umhlambi, watiwa piti, kuba bonke ngabanye bebebeva beteta ngokwakowabo ukuteta.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Sithe ke sakubakho esi sandi, yabuthelana inkitha, yadubadubeka, ngokuba bonke ngabanye babebeva bona bethetha ngezakomawabo iintetho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Sithe ke sakubakho esi sandi, yabuthelana inkitha, yadubadubeka, ngokuba bonke ngabanye babebeva bona bethetha ngezakomawabo iintetho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bakukuva oko kwakusenzeka, kwahlanganisana indimbane yabantu, bonke bemangalisiwe kukuva abalandeli bakaYesu bethetha iilwimi zabo.