Acts 20:10 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa ehlile u‐Paulusi, wawa pezu kwayo, wayibamba ngento engqongayo, wati: Ningenzi ingxolo; ngokuba umpefumlo wayo ukuyo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ehlile ke uPawulos, waziphosa phezu kwayo; eyiwolile wathi, Musani ukwenza isiphithiphithi; kuba umphefumlo wayo ukuyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wehla ke uPawulos, waziphosa phezu kwayo, wayiwola, wathi, Musani ukuzikhathaza; ngokuba umphefumlo wakhe ukuye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UPawulos wehla waya kuye, wafika waziphosa phezu kwakhe, wamgona, wathi: “Sanukothuka, kuba akafanga, uhleli!”