Acts 20:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa tina sandulela saya enqanaweni, saselishela e‐Asosi, apo besifuna ukumtabata u‐Paulusi kona; ngokuba ebezimisele njalo, etanda ngokwake ukuhamba ngenyawo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku thina sandulela saya emkhombeni, sasinga eAso, apho besiza kumthabatha khona uPawulos; kuba ebemisele ngokunjalo, yena eza kuhamba ngeenyawo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku thina sandulela ukuya emkhombeni, sasinga eAso, apho besiza kumthabatha khona uPawulos; kuba ebemisele ngokunjalo, yena eza kuhamba ngeenyawo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Thina sahlabela mgama, sihamba ngenqanawa, saya kutsho eAso, apho sasiza kuthatha uPawulos khona, kuba lo yayingumyalelo wakhe, njengoko yena wayehamba emhlabeni.