Acts 20:16 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Ngokuba u‐Paulusi ebegwebile ukuselisha ngokudlula e‐Efese, ukuze angabi nakuci̔ta ixesha e‐Asiya; ngokuba ebenxama ukuti, ukuba bekusenzeka kuye, abeko e‐Yerusaleme ngomhla wepentekoste.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kuba uPawulos wagqiba kwelokuba kudlulwe ngomkhombe e-Efese, ukuze angabi nakwenza xesha lide kwelaseAsiya; kuba wayekhawulezele ukuthi, ukuba unako, awenze umhla wepentekoste eYerusalem.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kuba uPawulos wagqiba kwelokuba kudlulwe ngomkhombe e-Efese, ukuze angabi nakwenza xesha lide kwelaseAsiya; kuba wayekhawulezele ukuthi, ukuba unako, awenze umhla wepentekoste eYerusalem.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
UPawulos wayegqibe ukuba angagqithi e-Efese, ukuze angachithi xesha kwiphondo laseAsiya. Wayengxamele ukuba usuku *lwePentekoste lumfikele eseJerusalem xa kunokwenzeka.