Acts 20:18 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Naxeshekweni babefikile kuye, wati kubo: Niyazi kakulu nina, kutabata kowokuqala umhla endafika ngawo e‐Asiya, ukuba ndati nina ukubako nani lonke eloxesha;
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Akufika ke kuye, wathi kuwo: Niyazi kakuhle nina, kususela kwimini yokuqala endathi qatha ngayo kwelaseAsiya, ukuba ndathini na ukuhlala kwam nani lonke ixesha,
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Befikile ke kuye, wathi kubo, Niyazi ukuba bendihleli nani ngamaxesha onke, kususela kwimini yokuqala endafikayo kwelaseAsiya;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bakufika wathi kubo: “Nina ngokwenu niyayazi kakuhle indlela endahlala nani ngayo, ukusuka kwimini yokuqala endathi ndafika ngayo kweli phondo laseAsiya.