Acts 20:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Koko ndingakatali zezizinto nanye, kanjako andibali ubomi bam ngokuba bunqabile kum, ukuze ndifeze uhambo lwam ngovuyo, nobukonzi endabamkelayo kwinkosi u‐Yesu, ukuba ndinqi̔nise ivangeli yofefe lukatixo.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Andikhathalele nanye yezi zinto; kanjalo nobomi bam obu andinqabe nabo, ukuze ndilufeze uhambo lwam ngovuyo, nolungiselelo endalwamkelayo eNkosini uYesu, lokuqononondisa iindaba ezilungileyo zobabalo lukaThixo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kambe ke ubomi bam andibugqali njengobalulekileyo kum, ukuze ndilufeze ugqatso lwam ngovuyo, nolungiselelo endalwamkelayo lweNkosi uYesu, lokungqina iindaba ezilungileyo zobabalo lukaThixo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa kum ukuphila akubalulekanga ngaphezu kokuba ndilufeze ubizo lwam, ndiwugqibe umsebenzi endawunikwa yiNkosi wokuvakalisa iindaba ezimnandi zesisa sikaThixo.