Acts 20:3 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kwati akuba efezile inyanga ezintatu kona, enzelwe ingcebo ngama‐Juda nxa abehlalela ukuselishela e‐Siriya, kwavuka iqinga lokuba wobuya nge‐Masedoniya.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wenza apho iinyanga zantathu. Uthe ke, kwakwenziwa iyelenqe ngaye ngamaYuda, xa aza kuya ngomkhombe kwelaseSiriya, wagqiba kwelokuba acande kwelaseMakedoni ngokubuya.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wahlala apho iinyanga zantathu. Ke kaloku, xa abezalelwe kuye amaYuda, xa aza kuya ngomkhombe kwelaseSiriya, wagqiba kwelokuba acande kwelaseMakedoni ngokubuya.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
apho wahlala iinyanga ezintathu. Wathi xa alungiselela ukuya eSiriya, wabhaqa ukuba amaJuda amenzela iyelenqe, waza wabona ukuba makaphindele emva, acande kwelaseMakedoni.