Acts 20:32 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Nokwakaloku nje, bazalwana! ndiyanibekela kutixo nakwilizwi lofefe lwake, konamandla oku n aka, nokunipa ilifa pakati kwabo bonke abenziwe ngcwele.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kungoku, bazalwana, ndiyaniyaleza kuThixo nakwilizwi lobabalo lwakhe, onako ukunakha, aninike ilifa phakathi kwabo bonke abangcwalisiweyo.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ngoku ke, bazalwana, ndiyaniyaleza kuThixo, nakwilizwi lobabalo lwakhe, enako ukunakha, aninike ilifa phakathi kwabo bonke abangcwalisiweyo.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
“Ngoko ke ndiyambongoza uThixo ukuba makanikhusele. Uya kunakha ngodaba lwesisa sakhe, olunamandla okunenza nilixhamle ilifa kunye nabo bonke abantu bakhe.