Acts 20:7 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kekaloku ngolwokuqala usuku lweveki, nxa abadisipile bebehlanganisene ukuqezula isonka, u‐Paulusi wateta kubo, ehlalela ukusuka ngomso; wabehambisa isiteto sake kwada kwapakati kwobusuku.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, bakubon ukuba abafundi bahlanganisene ukuba baqhekeze isonka, uPawulos wayexoxa nabo, eza kumka ngengomso; wayolula intetho yakhe kwada kwaphakathi kobusuku.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, bakubon’ ukuba abafundi bahlanganisene ukuba baqhekeze isonka, uPawulos wayeshumayela kubo, eza kumka ngengomso; Wayiqhuba intetho yakhe kwada kwaphakathi kobusuku.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngokuhlwa koMgqibelo sahlanganisana kwisidlo sobudlelwana. UPawulos wathetha nabo abantu, wolula kwada kwaphakathi kobusuku, kuba kaloku wayeza kuhamba ngomhla olandelayo.