Acts 20:9 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Yati indodana etile egama lingu‐Yutikusi ebihlala efenstileni, iwelwa butongo obukulu, nxa u‐Paulusi ebeteta kade, yatoba ngobutongo, yawa pantsi kweyesitatu indawo yapezulu, yacolwa ifile.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Kwakuhleli ke efestileni ndodana ithile ingama linguYutiko, isindwa bubuthongo obukhulu. Akubon ukuba ke uPawulos kukade exoxa, yoyiswa bubuthongo, yawa phantsi isuka kolwesithathu udidi, yafunqulwa ifile.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Kwakuhleli efestileni ndodana ithile ingama linguYutiko, isindwa bubuthongo obunzulu;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Umfana ogama linguYutiko wayehleli efestileni, wada wozela walala, kuba uPawulos engayeki ukuthetha. Wothuleka apho kumngangatho wesithathu, waya kuwa emhlabeni, bamchola apho efile.