Acts 21:11 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
weza ke kuti, watabata umbinqo ka‐Paulusi, wabopa ezake izandla nenyawo, wati: Utsho umoya oyingcwele ukuti: Londoda umbinqo lo ungowayo, ama‐Juda aya kwenje njalo ukuyibopa e‐Yerusaleme, aeya kuyinikela ezandleni zabaheyideni.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wathi akufika kuthi, wathabatha umbhinqo kaPawulos, wazibopha izandla neenyawo, wathi, Utsho ke uMoya oyiNgcwele ukuthi, Indoda ongowayo lo mbhinqo, aya kwenjenje amaYuda ukuyibopha eYerusalem, ayinikele ezandleni zeentlanga.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathi akufika kuthi, wawuthabatha umbhinqo kaPawulos, wazibopha izandla neenyawo, wathi, Utsho uMoya oyiNgcwele ukuthi, Aya kwenjenjalo ukumbopha indoda engowalo mbhinqo amaYuda eYerusalem, amnikele entolongweni, izandla zeentlanga.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ufike wathatha ibhanti kaPawulos, wazibopha ngayo iinyawo nezandla, wathi: “Uthi uMoya oyiNgcwele: ‘Umnini wale bhanti uya kubotshwa enjiwenje ngamaJuda eJerusalem, yaye aya kumnikela ezintlangeni.’ ”