Acts 21:13 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Kodwa u‐Paulusi wati ukupendula: Nenza nina nilila nidanisa intliziyo yam? ngokuba mna sendihlalele ukuba ndingabotshwa kodwa, koko nokuba ndifele e‐Yerusaleme, ngenxa yegama lenkosi u‐Yesu.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Waphendula ke uPawulos, wathi, Nenzani na ukulila niyityumze intliziyo yam? kuba mna ndingalungele kubotshwa kodwa; ndilungele nokufa eYerusalem, ngenxa yegama leNkosi uYesu.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waphendula uPawulos wathi, Nenzani na ukulila niyityumze intliziyo yam? kuba mna ndingalungele kubotshwa kodwa; ndilungele nokufa eYerusalem, ngenxa yegama leNkosi uYesu.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Kodwa wathi ukuphendula: “Nenza ntoni, nifuna ukundityhafisa nje ngezi nyembezi zenu? Andilungelanga kubotshwa kuphela eJerusalem; kwanokufa oku ndikulungele ngenxa yeNkosi uYesu.”