Acts 21:20 — Compare Translations
4 translations compared side by side
Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Bati bona bakuva, bayidumisa inkosi; baza batsho kuye ukuti: Uyabona, mzalwana! ukuba mangapina amawaka ama‐Juda akoliweyo; kanjako onke ayazondelela umteto:
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Bathe ke bona bakukuva oko, bayizukisa iNkosi, batsho nokuthi kuye, Uyabona, mzalwana, oko angako amawakawaka amaYuda akholiweyo; abe ke onke ewuzondelele umthetho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Bathe ke bona bakukuva oko, bayizukisa iNkosi, batsho nokuthi kuye, Uyabona, mzalwana, oko angako amawakawaka amaYuda akholiweyo; baye bonke bewuzondelele umthetho;
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Bathi bakuziva, bamdumisa uThixo xa bebonke. Baza bacebisa bathi kuPawulos: “Mfondini, nawe uyazibonela ngokwakho ukuba apha kukho amawaka-waka amaJuda aguqukileyo angamakholwa, kodwa asabambelele *emthethweni kaMosis.