Acts 21:24 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
wona la watabate nawe, uzicokise kunye nawo, uwenzelelele ekunikeleni, ukuze azigugule intloko; baze bonke bazi ukuba ezonto batyelwe zona ngawe aziluto, koko ukuba nawe ngokwako uyahamba ngokubamba umteto.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
wathabathe ke, uzenze nyulu kunye nawo, ube nokudleka ngenxa yawo, ukuze agugule iintloko; bazi bonke ukuba ezo nto bazityelweyo ngawe azilutho, nawe ngokwakho uhambe uwugcinile umthetho.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Wathabathe wona, uzenze nyulu kunye nawo, ube nokuhlawulisa, ukuze achebe iintloko zawo; bazi bonke ukuba azinto zanto iindaba ezilungileyo ezi uzisiwe ngawe; kodwa ukuba nawe uhambe ngokufanelekileyo, uwugcina umthetho.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ngoko ke wena zibandakanye nawo, ungene *ekuhlanjululweni, uze uwahlawulele iindleko zawo, abe nako ukuzicheba iintloko zawo. Ngale ndlela ke wonke umntu uya kuqonda ukuba bubuxoki yonke le nto bayivileyo ngawe – ndaweni yaloo nto wena ngokwakho usawugcinile umthetho kaMosis.