Acts 21:26 — Compare Translations

4 translations compared side by side

Xhosa 1902 (Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard))
Wandula u‐Paulusi wawatabata na ye amadoda lawo, wati ngomhla olandelayo, akuba ezicokisile kunye nawo, wangena etempileni, esazisa ukuzaliseka kwemihla yokucokisa, kwada kwanikelwa umnikelo ngenxa yawo amanye ngamanye.
Xhosa 1975 (IZIBHALO EZINGCWELE)
Wandula uPawulos wawathabatha ke amadoda lawo, wathi ngengomso, ezenze nyulu kunye nawo, wangena etempileni, eqondisisa inzaliseko yeentsuku zokwenza nyulu, ude usondezwe umnikelo ngenxa yabo bonke ngabanye.
Xhosa 2024 (ITestamente Entsha)
Waza uPawulos wawathabatha ke amadoda lawo, wathi ngengomso, ezenze nyulu kunye nawo, wangena etempileni, eqondisisa inzaliseko yeentsuku zokwenza nyulu, ude usondezwe umnikelo ngenxa yabo bonke ngabanye.
Xhosa XHO96 (IBHAYIBHILE)
Ke kaloku uPawulos wahlangana nawo loo madoda, waza ngengomso walenza kunye nawo isiko lokuhlanjululwa. Waza ke waya endlwini kaThixo ukuya kwenza amalungiselelo alo mcimbi, ngokukodwa malunga nomnikelo owawuya kufuneka ekupheleni kwexesha lentlambululo.